26 Sathi, Asinakuhla. Ukuba umninawa wethu omncinane unathi, sohla; kuba asinakububona ubuso bendoda leyo, engenathi umninawa wethu omncinane.
27 Wathi ubawo umkhonzi wakho kuthi, Niyazi nina, ukuba umkam wandizalela oonyana ababini.
28 Omnye waphuma kum, ndathi, Inene, uqwengiwe; andimbonanga unangoku.
29 Nimthabatha nje naló ebusweni bam, ethe wahlelwa yingozi, nozihlisela izimvi zam zinobubi kwelabafileyo.
30 Ngoko ke, ukuba ndithe ndafika kubawo umkhonzi wakho, engenathi umfana (umphefumlo wakhe ubotshwe nomphefumlo wakhe nje),
31 kothi, akubona ukuba akakho umfana, afe, nabakhonzi bakho bahlise izimvi zomkhonzi wakho ubawo enesingqala, ziye kwelabafileyo.
32 Kuba umkhonzi wakho lo wammela umfana lowo kubawo, ndisithi, Ukuba andithanga ndimzise kuwe, ndoba netyala kubawo yonke imihla yam.