6 Kuba ngoku iminyaka mibini indlala ikho phakathi kwelizwe; isemihlanu iminyaka ezayo, ekungayi kubakho kulima nakuvuna ngayo.
7 UThixo undithume phambi kwenu, ukuba ndinimisele amasalela ezweni, ukuba ndisindise ubomi benu, ibe kukusinda okukhulu.
8 Ngoko ke àsinini abandithume apha, nguThixo; wandenza uyise kuFaro, nenkosi phezu kwayo yonke indlu yakhe, nomlawuli ezweni lonke laseYiputa.
9 Khawulezani, ninyuke niye kubawo, nithi kuye, Útsho unyana wakho uYosefu ukuthi, UThixo undenzé inkosi kuyo yonke iYiputa; yihla uze kum, musa ukulibala.
10 Wóhlala ezweni laseGoshen, ube kufuphi kum, wena, noonyana bakho, noonyana boonyana bakho, nempahla yakho emfutshane, neenkomo zakho, nezinto zonke onazo;
11 ndikòndle khona, kuba isaya kuba mihlanu iminyaka yendlala; hleze uhlwempuzeke wena, nendlu yakho, nento yonke onayo.
12 Yabonani, amehlo enu ayabona, namehlo omninawa wam uBhenjamin, ukuba ngumlomo wam lo uthethayo kuni.