1 Wanduluka ke uSirayeli neento zonke abenazo, wafika eBhershebha, wabingelela imibingelelo kuThixo kayise uIsake.
2 Wathetha uThixo kuSirayeli emibonweni yobusuku, wathi, Yakobi, Yakobi! Wathi yena, Ndilapha.
3 Wathi, NdinguThixo, uThixo wooyihlo, musa ukoyika ukuhla uye eYiputa; kuba ndiya kukwenza uhlanga olukhulu khona.
4 Mna ndiya kuhla ndiye nawe eYiputa, ndinyuke nokunyuka nawe; uYosefu asibeke isandla sakhe phezu kwamehlo akho.