20 Wazala ke uYosefu ezweni laseYiputa, uManase noEfrayim, awamzalela bona uAzenati, intombi kaPotifera, umbingeleli waseOn.
21 Oonyana bakaBhenjamin nguBhela, noBhekere, noAshbhele, noGera, noNahaman, noEhi, noRoshe, noMupim, noHupim, noArdi.
22 Ngabo abo oonyana bakaRakeli, abazalelwa uYakobi; iyonke yimiphefumlo elishumi elinaminé.
23 Oonyana bakaDan nguHushim.
24 Oonyana bakaNafetali nguYatseli, noGuni, noYetsere, noShilem.
25 Ngabo abo oonyana bakaBhiliha, awathi uLabhan wamnika uRakeli intombi yakhe; abo wabazalela uYakobi, iyonke yimiphefumlo esixhenxe.
26 Iyoke imiphefumlo eyaya noYakobi eYiputa, eyaphuma esinqeni sakhe, ngaphandle kwabafazi boonyana bakaYakobi, iyonke yimiphefumlo emashumi mathandathu anamithandathu.