3 Wathi, NdinguThixo, uThixo wooyihlo, musa ukoyika ukuhla uye eYiputa; kuba ndiya kukwenza uhlanga olukhulu khona.
4 Mna ndiya kuhla ndiye nawe eYiputa, ndinyuke nokunyuka nawe; uYosefu asibeke isandla sakhe phezu kwamehlo akho.
5 Wesuka uYakobi eBher-shebha; oonyana bakaSirayeli bamthwala uYakobi uyise, nabantwana babo, nabafazi babo, ngeenqwelo ebezithunyelwe nguFaro ukuba zimthwale.
6 Bayithabatha imfuyo yabo, nengqwebo yabo ababeyiqwebile ezweni lakwaKanan, bafika eYiputa uYakobi nembewu yakhe yonke, ndawonye naye;
7 oonyana bakhe, noonyana boonyana bakhe ndawonye naye, iintombi zakhe, neentombi zoonyana bakhe, nembewu yakhe yonke, weza nayo eYiputa.
8 Ngawo la amagama oonyana bakaSirayeli abafikáyo eYiputa, uYakobi noonyana bakhe: amazibulo kaYakobi nguRubhen.
9 Oonyana bakaRubhen nguHanoki, noFalu, noHetseron, noKarmi.