3 Wathi uFaro kubazalwana bakhe, Uyintoni na umsebenzi wenu? Bathi kuFaro, Abakhonzi bakho ngabafuyi bempahla emfutshane, thina aba kwanoobawo bethu.
4 Babuya bathi kuFaro, Siphambukele kweli lizwe, kuba akukho tyani bampahla imfutshane abanayo abakhonzi bakho, kuba inzima indlala ezweni lakwaKanan; ngoko ke mabakhe bahlale ezweni laseGoshen abakhonzi bakho.
5 Wathetha uFaro kuYosefu, wathi, Uyihlo nabazalwana bakho bafikile kuwe.
6 Ilizwe laseYiputa liphambi kwakho: uyihlo nabazalwana bakho bahlalise kweyona ndawo intle yelizwe; mabahlale ezweni laseGoshen. Ukuba ùyazi ukuba kukho kuwo amadoda aziinkunkqele emsebenzini, wamise abe ngabaphathi bemfuyo endinayo.
7 UYosefu wamngenisa uYakobi uyise, wammisa phambi koFaro. UYakobi wamsikelela uFaro.
8 UFaro wathi kuYakobi, Mingaphi na iminyaka yobudala bakho?
9 Wathi uYakobi kuFaro, Imihla yeminyaka yokuba lundwendwe kwam emhlabeni yiminyaka elikhulu elinamanci mathathu; imbalwa, imibi, imihla yeminyaka yobudala bam; ayifikanga emihleni yeminyaka yobudala boobawo, emihleni yokuba lundwendwe kwabo emhlabeni.