1 Kwathi emveni kwezi zinto, kwathiwa kuYosefu, Ùyabona, uyihlo uyafa. Wathabatha oonyana bakhe bobabini, uManase noEfrayim, bahamba naye.
2 Waxelelwa uYakobi kwathiwa, Nanku unyana wakho uYosefu esiza kuwe. Wazomeleza uSirayeli, wavuka, wahlala esingqengqelweni.
3 UYakobi wathi kuYosefu, UThixo uSomandla wabonakala kum ndiseLuzi, ezweni lakwaKanan, wandisikelela.
4 Wathi kum, Yabona, ndiya kukuqhamisa, ndikwandise, ndikwenze isikhungu sezizwe; eli lizwe ndilìnike imbewu yakho emva kwakho, libe lelakho ngonaphakade.
5 Ngako oko oonyana bakho ababini, owabazalelwayo ezweni laseYiputa, ndingekafiki kuwe eYiputa, ngabam; uEfrayim noManase baya kuba ngabam, njengoRubhen noSimon.
6 Ke othe wabazala emva kwabo, baya kuba ngabakho; baya kubizwa ngokwegama labazalwana babo elifeni labo.