10 Ke amehlo kaSirayeli ayeselenorhatyazo kukwaluphala, engasaboni. Wabasondeza ke kuye, wabanga, wabawola.
11 USirayeli wathi kuYosefu, Ukubona ubuso bakho bendingasakucingi; nanku uThixo endibonise nembewu yakho.
12 UYosefu wabakhupha phakathi kwamadolo akhe, waqubuda ngobuso bakhe emhlabeni.
13 UYosefu wabathabatha bobabini, uEfrayim ngesokunene kwesasekhohlo sikaSirayeli, noManase ngesokhohlo kwesokunene sikaSirayeli, wabasondeza kuye.
14 USirayeli wasolula esokunene sakhe, wasibeka entloko kuEfrayim engomncinane, nesokhohlo sakhe entloko kuManase, ezenjenjalo izandla zakhe ngengqiqo; ngokuba uManase ebengowamazibulo.
15 Wamsikelela uYosefu, wathi, Ngamana uThixo, abâhamba phambi kwakhe oobawo uAbraham noIsake, owandondla kwasekuveleni kwam kwada kwanamhla, osisithunywa esindikhululeyo ebubini bonke,
16 angabasikelela abafana, lithi igama lam negama loobawo libizwe phezu kwabo, uAbraham noIsake, bande, babe baninzi ehlabathini.