1 UThixo wamkhumbula uNowa, neento zonke eziphilileyo, nezinto zonke ezizitho ziné ezazinaye emkhombeni; uThixo wahambisa umoya ehlabathini, awutha amanzi.
2 Yavingcwa imithombo yamanzi enzonzobila neengcango zezulu, wathintelwa umvumbi wezulu.
3 Abuya amanzi emhlabeni, amana ebuya, awutha amanzi ekupheleni kwemihla elikhulu elinamanci mahlanu.
4 Umkhombe wazimisa ngenyanga yesixhenxe, ngosuku lweshumi elinesixhenxe enyangeni leyo, phezu kweentaba zaseArarati.
5 Amanzi amana ewutha, kwada kwayinyanga yeshumi; ngeyeshumi ke, ngosuku lokuqala enyangeni leyo, zabonakala iincopho zeentaba.
6 Kwathi, ekupheleni kwemihla emashumi mané, wayivula uNowa ifestile yomkhombe abeyenzile;
7 wathuma ihlungulu, laphuma lamana lizulazula, ada atsha amanzi ehlabathini.