5 nomntu osukuba echukumisa yonke into enyakazelayo, eyinqambi kuye, nokuba ngumntu oyinqambi kuye ebunqambini bakhe bonke:
6 umphefumlo osukuba uyichukumisa into enjalo, woba yinqambi, uhlwise; lowo makangadli ezintweni ezingcwele. Ke makawuhlambe umzimba wakhe emanzini;
7 lakutshona ilanga, wothi ehlambulukile adle emveni koko ezintweni ezingcwele; ngokuba kukudla kwakhe.
8 Into ezifeleyo neqwengiweyo makangayidli, azenze inqambi ngayo: ndinguYehova.
9 Ize basigcine isigxina sam, bangazithwalisi isono, bafe ngaso, ngokuba besihlambele sona: ndinguYehova obangcwalisayo.
10 Wonke ongengowakuni aze angadli nto ingcwele; olundwendwe lombingeleli, nomqeshwa, aze angadli nto ingcwele.
11 Umbingeleli xa athe wathenga umntu, waba yintengo yemali yakhe, makadle kuyo lowo, kwanozelelwe endlwini yakhe; abo bodla ukudla kwakhe.