5 Kothi ke, xa athe wazeka ityala nangayiphi kwezo nto, ayivume into oné ngayo;
6 alizise idini letyala lakhe kuYehova, ngenxa yesono sakhe oné ngaso, azise ithokazi lasempahleni emfutshane, imvanazana nokuba litakanekazi lebhokhwe exhonti, libe lidini lesono, aze umbingeleli amcamagushele ngesono sakhe.
7 Ukuba ke isandla sakhe sithe asaba nakuyifumana into elingana netakane, wózisa kuYehova idini letyala lakhe oné ngalo, amahobe abe mabini, nokuba ngamagobo evukuthu abe mabini, elinye libe lidini lesono, elinye libe lidini elinyukayo.
8 Wowazisa kumbingeleli, asondeze eledini lesono kuqala, aliqhawule intloko ngasentanyeni, angalahluli kanye;
9 afefe ngenxalenye yegazi ledini lesono ecaleni lesibingelelo, eliseleyo igazi likhanyelwe esisekweni sesibingelelo.
10 Lidini lesono ke elo. Elesibini maze alenze idini elinyukayo ngokwesiko, umbingeleli amcamagushele ngesono sakhe oné ngaso; woxolelwa ke.
11 Ukuba ke isandla sakhe sithe asaba nakuwafumana amahobe amabini, nokuba ngamagobo evukuthu amabini, wozisa umsondezo wakhe lowo wonileyo, ube sisahlulo seshumi se-efa* yomgubo ocoliweyo, ube lidini lesono, angabeki oli phezu kwawo, angabeki ntlaka imhlophe phezu kwawo; kuba lidini lesono elo.