Ingoma Yazo Iingoma 2 XHO75

Ukuthandana nokuncomana ngothando

1 Ndingumfiyo waseSharon,Ndiyinyibiba yasezintlangeni.

2 Njengenyibiba phakathi kweminga,Únjalo uwethu phakathi kweentombi.

3 Njengomapile phakathi kwemithi yehlathi,Injalo intánda yam phakathi koonyana.Ndanqwena, ndahlala phantsi emthunzini wawo,Nesiqhamo sawo sanencasa ekhuhlangubeni lam.

4 Indingenisé endlwini yewayini,Nebhanile* yayo phezu kwam luthando.

5 Ndixhaseni ngezicumba zeerasintyisi,Ndisekeleni ngeeapile; ngokuba ndisifa luthando.

6 Isandla sayo sokhohlo siphantsi kwentloko yam;Esokunene siyandiwola.

7 Zintombi zaseYerusalem, ndinifungisaAmabhadikazi namaxhamakazi asendle,Ukuba ningàluvusi, ukuba ningaluvuseleli uthando,Lude luthande.

8 Phulaphulani! Intánda yam, nantso isiza,Itsiba ezintabeni, isuka imitsi ezindulini.

9 Intánda yam ifana nebhadi, nenkonyana yexhama.Nantso imi emva kodonga lwakokwethu,Ithe nzo ngeefestile,Inyondla ngekroba.

10 Intánda yam yasusela, yathi kum,Suk' ume, wethu, nzwakazi yam, uze;

11 Ngokuba uyabona, ubusika budlule,Imvula igqithile yemka;

12 Iintyantyambo zibonakele ezweni;Ixesha lokuntyiloza kweentaka lifikile;Izwi lehobe livakele ezweni lethu;

13 Umkhiwane ukrwala amakhiwane awo,Imidiliya ityatyambile,Itsho ngevumba elimnandi.Suk' ume, wethu, nzwakazi yam, uze.

14 Vukuthu lam elisemxawukeni wengxondorha, entsithelweni yemiba,Ndíbonise ubuso bakho, ndívise ilizwi lakho;Ngokuba izwi lakho limnandi, ubuso bakho bunomkhitha.

15 Sibambeleni iimpungutye, iimpungutye ezincinane ezonakalisa izidiliya;Izidiliya zethu zityatyambile.

16 Intánda yam yeyam, mna ke ndingowayo;Yalusela ezinyibibeni.

17 Ide iphole imini, oluke amathunzi,Jika, ntánda yam, uxelise ibhadi, uxelise inkonyana yexhama,Ezintabeni ezibugqagala.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8