1 Iye phi na intánda yakho,Wena nzwakazindini phakathi kweentokazi?Ibheke ngaphi na intánda yakho,Ukuze sikufunise?
2 Intánda yam ihle yaya emyezweni wayo, emityinweni yetyeleba,Ukuba yalusele emyezweni, ukuba ikhe iinyibiba.
3 Mna ndingowentánda yam, nentánda yam yeyam yona;Yalusela ezinyibibeni.
4 Ùyinzwakazi, wethu, njengeTirtsa,Ùnomkhitha njengeYerusalem;Wòyikeka njengemikhosi eneebhanile.*
5 Wasuse amehlo akho kum,Ngokuba andiqwelile.Iinwele zakho zinjengomhlambi weebhokhweEzisemathambekeni aseGiliyadi.
6 Amazinyo akho anjengomhlambi weemazi zeegushaEzinyukayo, zivela ekuhlanjweni,Zonke zizele amawele,Kungekho ifelweyo kuzo.
7 Zinjengothanda lwerharnate iintlafuno zakho,Ngaphaya kwesigqubuthelo sakho.
8 Bangamashumi amathandathu ookumkanikazi, angamashumi asibohzo amashweshwe,Neentombi ezingenakubalwa.
9 Mnye yena olivukuthu lam oyingqibeleli yam;Mnye yena kunina,Umnyulwa walowo wamzaláyo.Zambona iintombi, zathi únoyolo,Bamdumisa ookumkanikazi namashweshwe.
10 Ngubani na lo uthi gqi njengesifingo,Mhle njengenyanga,Unyulu njengelanga,Woyikeka njengemikhosi eneebhanile?
11 Bendihle ndaya emyezweni weminoti,*Ukuba ndikhangele uhlaza lwesihlambo,Ndikhangele ukuba umdiliya unamathupha na,Imirharnate ityatyambile na.
12 Bendingazi ukuba umphefumlo wam undibekeEzinqwelweni zabantu bam, zamanene.
13 Buya, buya, mShulamikazi;Buya, buya, sikubone.Nibona ntoni na kumShulamikazi,Njengokungathi kukuqamba kwabaMahanayim?