Ingoma Yazo Iingoma 5 XHO75

Umtshakazi ulangazelela umyeni

1 Ndingenile emyezweni wam, dade wethu, mtshakazi wam;Ndiyikhile imore* yam kunye netyeleba lam;Ndiyidlile intlango yam kunye nencindi yam;Ndiyiséle iwayini yam kunye namasi am.Yidlani bethu,Selani nibe mnandi, zintánda.

2 Ndilele, yona intliziyo yam iphaphamile.Yiva, nantso intánda yam inkqonkqoza, isithi,Ndivulele, dade wethu, vukuthu lam, ngqibeleli yam,Ngokuba intloko yam izele ngumbethe,Isihlwitha sam sizele ngamathontsi obusuku.

3 Ndathi, Sendikhulule nengubo yam yangaphantsi; ndothini na ukubuya ndinxibe?Sendizihlambile iinyawo zam, ndothini na ukubuya ndizidyobhe?

4 Intánda yam yasolula isandla sayo ngekroba;Kwasika esiswini ngenxa yayo.

5 Ndavuka ndaya kuyivulela intánda yam,Nezandla zam zavuza imore;Neminwe yam, imore eyivuzelayoEsiphathweni sesitshixo.

6 Ndayivulela mna intánda yam;Ke yona intánda yam ibijike yemka.Ndemkelwa ngumbilini yakuthetha;Ndayifuna, andayifumana;Ndayibiza, àyasabela.

7 Bandifumana abalindi abajikajika phakathi komzi,Bandibetha, bandilimaza;Abalindi beendonga bandihlutha ingubo yam yokwaleka ekrelekrele.

8 Ndiyanifungisa, zintombi zaseYerusalem, ukuba nithe nayifumana intánda yam,Into enoyixelela yona, nothi, ndiyafa luthando.

Ukunconywa kobunzwana nokomelela komyeni

9 Iyintoni na intánda yakho kunezinye iintánda,Wena nzwakazindini phakathi kweentokazi?Iyintoni na intánda yakho kunezinye,Ukuba wenjenje ukusifungisa?

10 Intánda yam iqaqambile, iyingqombela,Iyeyongamileyo ngaphezu kwamawaka alishumi.

11 Intloko yayo iyigolide engcwengiweyo, ecikizekileyo;Isihlwitha sayo siziinduli ngeenduli, simnyama njengehlungulu.

12 Amehlo ayo anjengawamavukuthu, engasemifuleni yamanzi,Ezihlamba ngamasi, ehleli njengamatye afakwe kakuhle.

13 Izidlele zayo zinjengemityino yetyeleba, njengezigánga zezityalo zokuqhola;Umlomo wayo unjengeenyibiba, uvuza imore ezivuzelayo.

14 Izandla zayo ziintonga zegolide, zifakwe amatye aseTarshishe,Isibili sayo siluphondo lwendlovu, lukrwilwe ngesafire.*

15 Imilenze yayo ziintsika zemarmore* emhlophe, zifakwe ezisekweni zegolide engcwengiweyo.Isithomo sayo sinjengeLebhanon, sisihle njengemisedare.*

16 Ikhuhlangubo layo linobumnandi; inqwenelekile yona iphela.Yiyo leyo intánda yam; nguye lowo uwethu,Zintombi zaseYerusalem.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8