Ingoma Yazo Iingoma 7 XHO75

1 Azi kuhle ukunyathela kwakho ngeembadada, ntombi yenene!Izimbo zamanqe akho zinjengezidanga,Umsebenzi wezandla zengcibi.

2 Inkaba yakho sisidendeleko esiyinqila;Masingasweli iwayini ephithikeziweyo;Isisu sakho sisidimbilili sengqolowa,Sibiyelwe ngeenyibiba.

3 Amabele akho amabini anjengamankonyana ebhadi, Amankonyana amabini ebhadi, angamawele.

4 Intamo yakho injengenqaba yophondo lwendlovu;Amehlo akho ngamachibi aseHeshbhon,Ngasesangweni layo, inabantu abaninzi;Impumlo yakho injengenqaba yaseLebhanonEbheke eDamasko.

5 Intloko yakho phezu kwakho injengeKarmele,Ubuyakayaka bentloko yakho bunjengosinga olumfusa;Ukumkani ukhonkxwe ngeenjiko zabo.

6 Azi ùmhle, azi ùmnandi,Luthando, eziyolweni!

7 Iwonga lakho eli lifana nomthi wesundu;Amabele akho afana nezihloko zomdiliya.

8 Ndathi, Ndiya kumínya emthini wesundu;Ndiya kubambelela emagqabini awo;Amabele akho makabe njengezihloko zomdiliya,Nevumba lempumlo yakho libe njengeeapile;

9 Nekhuhlangubo lakho libe njengewayini le ilungileyo,Ihla kamnandi kwintánda yam,Ibanga ukuba uthethe umlomo wabaleleyo.

10 Mna ndingowentánda yam,Kukum ukungxamela kwayo.

11 Hamba, ntánda yam, siphume siye emaphandleni,Silale emizaneni.

12 Masivuke kusasa, siye ezidiliyeni,Sibone ukuba umdiliya unamathupha na, iintyantyambo zawo zibhenqekile na,Imirharnate ityatyambile na.Ndokunika apho izincokoliso zam.

13 Amathuma apha anevumba;Phezu kweminyango yethu ziziqhamo ngeziqhamo ezimnandi kakhulu, ezitsha kwanezidala,Endiziqwebele wena, ntánda yam.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8