Ingoma Yazo Iingoma 1 XHO75

Umtshakazi uvuyela ubunzwakazi bakhe

1 Ingoma yazo iingoma, eyekaSolomon.

2 Makandange ngokwanga komlomo wakhe;Ngokuba izincokoliso zakho zimnandi ngaphezu kwewayini.

3 Amafutha akho anevumba elimnandi;Liyioli ethululwayo igama lakho;Ngenxa yoko iintombi ziyakuthanda.

4 Nditsale, sogidima emva kwakho;Ukuba ukumkani undingenise ezingontsini zakhe,Sogcoba, sivuye ngawe.Sozikhankanya izincokoliso zakho ngaphezu kwewayini;Zikuthanda zinyanisile.

5 Ndimnyama, ndinomkhitha noko,Zintombi zaseYerusalem,Njengeentente zakwaKedare,Njengamalengalenga kaSolomon.

6 Musani ukundikhangela ngakuba ndife mnyama,Ngakuba nditshe lilanga.Oonyana bakama bandivuthela ngomsindo,Bandenza umlindi wezidiliya;Ke esisesam isidiliya andisilindanga.

7 Khawundixilele, wena uthandwa ngumphefumlo wam,Walúsela phi na? Ùyibuthisa phi na imihlambi emini enkulu?Ngokuba kungani na ukuba ndibe njengogqubutheleyoNgasemihlambini yamakholwane akho?

8 Ukuba àkwazi, nzwakazindini phakathi kweentokazi,Phuma, uhambe ngemikhondo yomhlambi,Uwaluse amatakane akho ngaseminqubeni yabalusi.

Isincoko sokuthandana komyeni nomtshakazi

9 Ndikufanekisé, wethu,Nehashe kwaweenqwelo zikaFaro!

10 Zinomkhitha izidlele zakho ziingcaca,Umqala wakho zizidanga.

11 Sòkwenzela iingcaca zegolideEzinamaqhula esilivere.

12 Xa ukumkani asesetafileni yakhe,Inadusi* yam isuka ilikhuphe ivumba layo.

13 Sisiqhuma semore* intánda yam kum,Esihleli phakathi kwamabele am.

14 Sisihloko sekofere* intánda yam kumEzidiliyeni zase-Engedi.

15 Yabona, ùyinzwakazi, wethu! Yabona, ùyinzwakazi!Amehlo akho anjengawamavukuthu.

16 Yabona, ùyinzwakazi, ntánda yam; ewe, umnandi;Umandlalo wethu uluhlaza.

17 Imiqadi yendlu yethu yimisedare,*Iipanele* zethu yimisipres.*

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8