Ingoma Yazo Iingoma 8 XHO75

Uthando lunamandla ngokokufa

1 Akwaba ubunjengomnakwethuObesanya amabeke kama!Bendingathi, ndíkufumene phandle, ndikwange,Bangàndideli noko.

2 Bendiya kukuqhuba, bendiya kukusa endlwini kama;Ubuya kundifundisa.Bendiya kukuseza iwayini eqholiweyo,Nencindi yomrharnate wam.

3 Isandla sayo sokhohlo besiya kuba phantsi kwentloko yam,Esokunene sayo sindiwole.

4 Zintombi zaseYerusalem, ndiyanifungisa,Ningáthini na ukuluvusa, ningáthini na ukuluvuselela uthando,Lude luthande?

5 Ngubani na lo unyuka evela entlango,Esayama intánda yakhe?Ngaphantsi komapile lo ndákuvusa wena.Khona apha waba nenimba ngawe unyoko,Khona apha waba nenimba owakuzalayo.

6 Ndíbeke njengomsesane wokutywina entliziyweni yakho, njengomsesane wokutywina engalweni yakho.Ngokuba uthando lunjengokufa, ukuba nengcwangu,Ubukhwele bunjengelabafileyo, ukuba lukhuni;Amalangatye abo ngamalangatye omlilo,Ngamadangatye kaYehova.

7 Amanzi amaninzi akanakulucima uthando;Imilambo ayinakuluntywilisela.Ingafanelana indoda irhole bonke ubuncwane bendlu yayo ngenxa yothando,Ingádelwa ideliwe.

8 Sìnomsakwethu omncinane,Akakabi namabele.Siya kuthini na ngomsakwethu,Mini aganelweyo?

9 Ukuba uludonga yena,Siya kwakha phezu kwalo uqoqo lwesilivere;Ukuba ungumnyango,Somrhaqa ngamaceba omsedare.*

10 Ndaba ludonga mna, namabele am anjengenqaba;Ndaza emehlweni ayo ndaba njengofumene uxolo.

11 USolomon ubenesidiliya eBhahali-amon,Isidiliya wasinikela kubagcini,Ukuze elowo azise iwaka lesilivere ngesiqhamo saso.

12 Isidiliya sam, esisesam, sona siselulawulweni lwam;Iwaka elo lelakho, Solomon;Amakhulu amabini ngawabagcini besiqhamo saso.

13 Wena uhleliyo emiyezweni,Amakholwane alibazela indlebe izwi lakho,Ndívise.

14 Dloba, ntánda yam,Uxelise ibhadi namankonyana amaxhamaEzintabeni zobulawu.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8