11 Umlomo wakho uvuza incindi, mtshakazi;Bubusi namasi ngaphantsi kolwimi lwakho.Ivumba leengubo zakho linjengevumba leLebhanon.
12 Ngumyezo obiyelweyo udade wethu, umtshakazi;Ngumgogogo ovaliweyo, liliso lomthombo elitywiniweyo.
13 Amahlumelo akho ngumyezo wemirharnate, kunye neziqhamo ezimnandi kakhulu,Ikofere* kunye nenadusi;*
14 Inadusi nesafron,*Ikalamo* nesinamon,* kunye nemithi yonke yentlaka emhlophe,Imore nehaloti,* kunye nobulawu bonke obuyintloko.
15 Ùliliso lomthombo lasemiyezweni,Iqula lamanzi aphilileyo,Nemiqukuqela yamanzi yaseLebhanon.
16 Vuka, moya wasentla, uze nawe wasezantsi:Phephezela emyezweni wam, buqukuqele ubulawu bawo.Mayingene intánda yam emyezweni wayo,Idle isiqhamo esimnandi kakhulu.