5 Nize nigcine isigxina sengcwele nesigxina sesibingelo, kungabuyi kubhekho burhalarhume phezu koonyana bakaSirayeli.
6 Mna ke, yabona, ndibathabathile abazalwana benu, abaLevi, phakathi koonyana bakaSirayeli; nibanikiwe bangumnikelo kuYehova wokusebenza umsebenzi wentente yokuhlangana.
7 Ke wena noonyana bakho ndawonye nawe, nòbugcina ububingeleli benu ezintweni zonke zesibingelelo, nangaphaya komkhusane; nisebenze umsebenzi. Ndininika ububingeleli ukuba bube ngumsebenzi eniwunikiweyo. Owasemzini osondelayo uya kubulawa.
8 Wathetha uYehova kuAron, esithi, Yabona, mna ndikunika isigxina semirhumo yam, ezintweni zonke ezingcwele zoonyana bakaSirayeli; ndisinika wena noonyana bakho sibe ngumxhesho, sibe ngummiselo ongunaphakade.
9 Yile into eyoba yeyakho ezintweni eziyingcwele kangcwele, ekudleni kwasemlilweni: yonke imisondezo yabo, eminikelweni yabo yokudla, nasemadinini abo onke esono, nasemadinini abo onke etyala, abayibuyisela kum, yoba ziinto eziyingcwele kangcwele kuwe nakoonyana bakho.
10 Nozidla engcweleni kangcwele; yonke into eyindoda yozidla; zoba ngcwele kuwe.
11 Yile into eyoba yeyakho: umrhumo wesipho sabo emitshangatshangisweni yonke yoonyana bakaSirayeli ndiwunika wena, noonyana bakho, neentombi zakho ndawonye nawe, ube ngummiselo ongunaphakade. Bonke abahlambulukileyo endlwini yakho bowudla.