4 Ndabona ke, nanko kusiza umoya ovuthuzayo, uvela ngasentla, unelifu elikhulu nomlilo obumbeneyo njengembumbulu, nobumhlophe obungeenxa zonke kulo, obuphuma ngaphakathi kwawo, bubonakala ngathi yigolide evuthiweyo emlilweni phakathi.
5 Ngaphakathi kwawo yimfano yezinto eziphilileyo eziné. Nantsi ke imbonakalo yazo:
6 zibe zinemfano yomntu; inye ibinobuso obuné, inye kuzo apho ibinamaphiko amané.
7 Imilenze yazo ibiyimilenze ethe nkqo; umphantsi weenyawo ubunjengomphantsi wenqina lethole; zidangazela zibonakala ngathi lubhedu olubengezelisiweyo.
8 Zazinezandla zomntu ngaphantsi kwamaphiko azo emacaleni azo omané; zoné ke zinobuso namaphiko;
9 amaphiko azo abehlangene, elaleyo nelaleyo; bezingajiki ekuhambeni kwazo, bezihamba, iyileyo iye kwicala elikhangelene nobuso bayo.
10 Imfano yobuso bazo ibe ibubuso bomntu; zinobuso bengonyama zoné ngasekunene; zinobuso benkomo zoné ngasekhohlo, zinobuso bokhozi zoné;