Uhezekile 3 XHO75

1 Wathi ke kum, Nyana womtu, kúdle okufumanayo; yidle le ncwadi isongwayo, uye uthethe kwindlu kaSirayeli.

2 Ndawuvula ke umlomo wam, wandidlisa loo ncwadi isongwayo; wathi kum,

3 Nyana womntu, dlisa isisu sakho, uzalise umbilini wakho ngaloo ncwadi isongwayo ndikunikayo. Ndayidla ke, yaba nencasa emlonyeni wam, njengobusi.

4 Wathi kum, Nyana womntu, hamba uye kwindlu kaSirayeli, uthethe kubo ngamazwi am.

5 Ngokuba àkuthunyelwa kubantu abantetho inzulu, abalulwimi lunzima; uthunyelwa kwindlu kaSirayeli.

6 Àndikuthumeli kwizizwe ezininzi, ezintetho inzulu, ezilulwimi lunzima, ezimazwi ungàweviyo; ndikuthuméle kuzo ezi zinokukuphulaphula zona.

7 Ke indlu kaSirayeli ayiyi kuvuma ukukuphulaphula; ngokokuba àbavumi ukundiphulaphula nam; kuba yonke indlu kaSirayeli ilukhuni ibunzi, igogotyile ngentliziyo.

8 Yabona, ndibenza lukhuni ubuso bakho, kwanjengobuso babo; ibunzi lakho libe lukhuni, Kwanjengebunzi labo;

9 ndilenza libe njengedayiman,* elukhuni ngaphezu kweqhwitha, ibunzi lakho. Uze ungaboyiki, ungaqhiphuki umbilini phambi kwabo; ngokuba bayindlu eneenkani.

10 Wathi kum, Nyana womntu, onke amazwi am endiya kuwathetha kuwe, wamkelele entliziyweni yakho, uweve ngeendlebe zakho;

11 uhambe uye kubathinjwa, koonyana babantu bakowenu, uthethe kubo uthi kubo, Itsho iNkosi uYehova; nokuba bathe beva, nokuba bathe bála.

12 Wandifunqula uMoya, ndeva ngasemva kwam isandi sendudumo enkulu, sisithi, Mabubongwe ubuqaqawuli bukaYehova, endaweni yabo.

13 Kananjalo ndeva nesandi samaphiko ezinto eziphililileyo, elo lifikelela kwelo, nesandi seevili ngakuzo, nesandi sendudumo enkulu.

14 Wandifunqula uMoya, wandisusa; ndahamba ndikrakra bubushushu bomoya wam. Saye ke isandla sikaYehova siphezu kwam, siqinile.

15 Ndafika ke eTelabhibhi, kubathinjwa ababehleli emlanjeni oyiKebhare, apho babehleli khona; ndahlala phantsi khona iintsuku zasixhenxe, ndimangalisiwe, phakathi kwabo.

Ukuthunywa kwesibini

16 Kwathi ekupheleni kweentsuku ezisixhenxe, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

17 Nyana womntu, ndikwenzé umboniseli kwindlu kaSirayeli; live ke ilizwi emlonyeni wam, ubavuselele ngokuvela kum.

18 Xa ndithi kongendawo, Inene, ùya kufa; usuke wena ungamvuseleli, ungathethi ukuze umvuselele ongendawo, ukuze aphume endleleni yakhe engendawo, aphile; wófa ongendawo lowo ngobugwenxa bakhe, kodwa lona igazi lakhe ndolibiza esandleni sakho.

19 Wena ke, xa uthe wamvuselela ongendawo, akabuya endleleni yakhe, endleleni yakhe engendawo: wófa ngobugwenxa bakhe, kodwa wena uwuhlangule umphefumlo wakho.

20 Ke, lakubuya ebulungiseni balo ilungisa, lenze ngobugqwetha, ndibeke isikhubekiso phambi kwalo; lofa lona; xa uthe akwalivuselela, lofa ngenxa yesono salo, bungàkhunjulwa ubulungisa balo elabenzayo; kodwa lona igazi lalo ndolibiza esandleni sakho.

21 Wena ke, xa uthe walivuselela ilungisa, ukuba lingoni ilungisa, àlona ke: lophila ngokuba livuselelwe, ke wena uwuhlangule umphefumlo wakho.

Ukuthunywa kwesithathu

22 Sabakho apho isandla sikaYehova phezu kwam, wathi kum, Suk' ume, phuma uye entilini, ndithethe nawe khona.

23 Ndesuka ndema, ndaphuma ndaya entilini; nanko ke, kumi khona ubuqaqawuli bukaYehova obunjengobuqaqawuli obuyá ndabubonáyo ngasemlanjeni oyiKebhare; ndawa ngobuso.

24 Kwafika uMoya kum, wandimisa ngeenyawo zam, wathetha nam, wathi, Yiya uzivalele endlwini yakho.

25 Wena ke, nyana womntu, yabona, baya kukufaka izintya, bakubophe ngazo, ukuze ungaphumi uye phakathi kwabo.

26 Ndiya kulunamathelisa ulwimi lwakho ekhuhlangubeni lakho, ube sisidenge, ungabi yindoda eyohlwayayo kubo; ngokuba bayindlu eneenkani.

27 Ndakùthetha nawe, ndowuvula umlomo wakho, uthi ke kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ovayo makeve, owalayo makale; ngokuba bayindlu eneenkani.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48