Uhezekile 43 XHO75

Ubuqaqawuli bukaYehova buzalisa indlu

1 Wandisa esangweni, esangweni elibheke endleleni yangasempumalanga.

2 Nabo ke ubuqaqawuli boThixo kaSirayeli, buvela ngendlela yangasempumalanga, isandi sabo sinjengesandi samanzi amaninzi; ihlabathi lakhanya bubuqaqawuli bakhe.

3 Imbonakalo ke endayibonayo, ukubonakala kwayo, yayinjengembonakalo leya, ndayibonayo ukuya kuwonakalisa kwam umzi; kwakukho neembonakalo ezinjengeembonakalo endazibonayo emlanjeni oyiKebhare; ndawa ke ngobuso.

4 Ubuqaqawuli bukaYehova beza endlwini ngendlela yesango elibheke empumalanga.

5 UMoya wandifukula, wandísa entendelezweni ephakathi; nabo ke ubuqaqawuli bukaYehova, buyizalisile indlu le.

6 Ndeva othetha kum esendlwini le; kwabakho ke umntu omi ecaleni kwam.

7 Wathi kum, Nyana womntu, khangela indawo yetrone yam, indawo yomphantsi weenyawo zam, apho ndiya kuhlala khona phakathi koonyana bakaSirayeli ngonaphakade; ingabi salenza inqambi igama lam elingcwele indlu kaSirayeli, bona nookumkani babo, ngobuhenyu babo, nangezidumbu zookumkani babo ezigángeni zabo;

8 ekumiseni kwabo umbundu womnyango wabo ngasembundwini womnyango wam, nemigubasi yabo ecaleni lemigubasi yam, iludonga lodwa phakathi kwam nabo; belenzé inqambi ke igama lam elingcwele, ngamasikizi abo abawenzáyo. Ndabagqibela ke ngomsindo wam.

9 Ngoku ke mabakhwelelise kum ubuhenyu babo, nezidumbu zookumkani babo, ndihlale phakathi kwabo ngonaphakade.

Umyalelo wendlu

10 Wena ke, nyana womntu, indlu kaSirayeli yixelele le ndlu, beve ihlazo ngenxa yobugwenxa babo, basilinganise isakhiwo esilinganiselweyo ngokuhle.

11 Ukuba bathe baliva ihlazo ngenxa yezinto zonke abazenzileyo, bázìse ukumeka kwendlu le nokuqulunqwa kwayo, iziphumo zayo nezingeno zayo, iimeko zayo zonke nemimiselo yayo yonke, iimeko zayo zonke nemiyalelo yayo yonke, uyibhale emehlweni abo; bakugcine konke ukuma kwayo, nemimiselo yayo yonke, bayenze.

12 Nguwo lo umyalelo wayo indlu: encotsheni yentaba, wonke umda wayo, ojikelezileyo ngeenxa zonke, uyingcwele kangcwele. Yabona, nguwo lo umyalelo wayo indlu.

Isibingelelo: imilinganiso nokungcwaliswa kwaso

13 Yiyo le imilinganiso yesibingelelo ngokweekubhite* (ikubhite yikubhite nobubanzi besandla): umzantsi waso woba yikubhite, ube yikubhite ububanzi; ulungqu lwawo eludinini lwawo ngeenxa zonke lwalúngangomoluko omnye weminwe. Lulo olo ufundo lwesibingelelo esi.

14 Kuthabathela emzantsini osemhlabeni, kude kuse emacaleni aphantsi, koba ziikubhite ezimbini ukuphakama, nobubanzi bube yikubhite enye; kuthabathela emacaleni lawo amafutshane, kude kuse emacaleni amade, koba ziikubhite eziné ukuphakama, nobubanzi bube yikubhite enye.

15 Intaba kaThixo yoba ziikubhite eziné; zothabathela ezikweni likaThixo, zinyuse iimpondo eziné.

16 Iziko likaThixo loba ziikubhite ezilishumi elinambini ubude balo, ishumi elinambini ububanzi balo; loba mbombo né ngokwamacala alo omané.

17 Amacala oba ziikubhite ezilishumi elinané ubude bawo, neshumi elinané ububanzi, ngokwamacala awo omané; nolungqu ngeenxa zonke kuwo lube sisiqingatha sekubhite; umzantsi wawo ube yikubhite enye ngeenxa zonke; nezinyuko zawo mazikhangele empumalanga.

18 Wathi kum, Nyana womntu, itsho iNkosi uYehova, ukuthi, Yiyo le imimiselo yesibingelelo ngemini yokwenziwa kwaso, ukuba kunyuswe phezu kwaso amadini anyukayo, kutshizwe ngegazi kuso.

19 Ùya kubanika ababingeleli, abaLevi abangabembewu kaTsadoki, abasondelayo kum, itsho iNkosi uYehova, ukuba balungiselele kum inkunzi entsha, ithole lenkomo, libe lidini lesono.

20 Wòthabatha egazini layo, uliqabe ezimpondweni zaso zoné, nasezimbombeni zoné zamacala, naseludinini ngeenxa zonke; usenze nyulu, usicamagushele;

21 uyithabathe inkunzi entsha yedini lesono, bayitshise endaweni emisiweyo yayo indlu, ngaphandle kwengcwele.

22 Ngomhla wesibini wòsondeza inkunzi yebhokhwe exhonti egqibeleleyo, ibe lidini lesono; basenze nyulu isibingelelo, njengoko senziwa nyulu ngenkunzi entsha.

23 Ekugqibeni kwakho ukusenza nyulu, wòsondeza inkunzi entsha, ithole lenkomo eligqibeleleyo, nenkunzi egqibeleleyo yasempahleni emfutshane.

24 Wòzisondeza phambi koYehova, ababingeleli bagalele ityuwa phezu kwazo, bazinyuse zibe lidini elinyukayo kuYehova.

25 Iintsuku ezisixhenxe ùya kunikela inkunzi yebhokhwe exhonti eyedini lesono ngemini; balungiselele nenkunzi entsha elithole lenkomo, nenkunzi yasemphaleni emfutshane egqibeleleyo.

26 Iintsuku ezisixhenxe bosicamagushela isibingelelo, basihlambulule; basimisele.

27 Baya kuzigqiba ezo ntsuku, kuthi ngomhla wesibhozo, nanini, ababingeleli benze amadini enu anyukayo nemibingelelo yenu yoxolo esibingelelweni, ndize ndinamkele; itsho iNkosi uYehova.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48