Uhezekile 33 XHO75

Imfanelo yomboniseli

1 Ke kaloku kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

2 Nyana womntu, thetha koonyana babantu bakowenu, uthi kubo, Xa ndithe ilizwe ndalizisela ikrele, abantu belizwe elo bathabatha indoda yaseziphelweni zabo, bayimisa ukuba ibe ngumboniseli wabo;

3 yábona ikrele lilifikela ilizwe elo, yavuthela isigodlo, yabavusa abantu;

4 ke umntu othe waliva izwi lesigodlo, àkavuswa, lafika ikrele elo, lamthabatha: loba sentlokweni yakhe igazi lakhe.

5 Izwi lesigodlo úlivile, akavuswa, igazi lakhe loba phezu kwakhe; evusiwe, ange ewusizile umphefumlo wakhe.

6 Umboniseli lowo, xa athe walibona ikrele lisiza, àkavuthela isigodlo, àkabavusa abantu; lafika ikrele, lathabatha kubo umphefumlo: lowo uthatyathwe ngobugwenxa bakhe, ke igazi lakhe ndolibiza esandleni somboniseli lowo.

7 Wena ke, nyana womntu, ndikwenzé waba ngumboniseli kwindlu kaSirayeli; wòliva emlonyeni wam ilizwi, ubavuselele ngokuphuma kum.

8 Ndákuthi kongendawo, Wena ungendawo, ùya kufa, inene; usuke ungathethi wena, ukuba umvuselele ongendawo, emke endleleni yakhe: wofa yena ongendawo ngobugwenxa bakhe, ke igazi lakhe ndolifuna esandleni sakho.

9 Wena ke, xa uthe wamvuselela ongendawo endleleni yakhe, ukuba abuye kuyo, àkabuya endleleni yakhe: wofa yena ngobugwenxa bakhe, ke wena ùwuhlangule umphefumlo wakho.

Imigwebo kaThixo ilungile

10 Ke kaloku wena, nyana womntu, yithi kwindlu kaSirayeli, Niyalungisa ukuthi, Izikreqo zethu nezono zethu ziphezu kwethu; siyangcungcutheka kuzo; singáthini na ukuphila?

11 Yithi kubo, Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, unakanye ukuba kube mnandi kum ukufa kongendawo; kumnandi kum ukubuya kongendawo endleleni yakhe, aphile. Buyani, buyani ezindleleni zenu ezimbi! Yini na ukuba nide nife, ndlu kaSirayeli?

12 Wena ke, nyana womntu, yithi koonyana babantu bakowenu, Ubulungisa belungisa abuyi kulihlangula ngemini yokreqo lwalo; ongendawo akayi kukhubeka ngokungendawo kwakhe, ngemini yokubuya kwakhe kokungendawo kwakhe; nelungisa aliyi kuphila ngabo ngemini yokona kwalo.

13 Ndákuthi kwilungisa, inene, lophila; lize ke likholose ngobulungisa balo, lenzè ngobugqwetha: bonke ubulungisa balo abuyi kukhunjulwa; lofa ngobugqwetha balo elibenzileyo.

14 Ndákuthi kongendawo, Inene, uya kufa; abuye ekoneni kwakhe, enze ngokusesikweni nangobulungisa;

15 ongendawo asibuyise isibambiso, ayimisele into ehluthwe nguye, ahambe ngemimiselo yobomi, angenzi ngobugqwetha: inene, wophila, akayi kufa.

16 Zonke izono zakhe awóna ngazo aziyi kukhunjulelwa kuye; wenzé ngokusesikweni nangobulungisa; inene, wophila.

17 Bathi ke oonyana bakowenu, Indlela kaYehova ayilungelelene; kanti ngábo, abandlela ingalungeleleneyo.

18 Lakùbuya ilungisa ebulungiseni balo, lenzè ngobugqwetha, lofa ngabo.

19 Akùbuya ongendawo kokungendawo kwakhe, enze ngokusesikweni nangobulungisa, inene, wophila ngenxa yoko.

20 Nìthi ke, Indlela yeNkosi ayilungelelene. Ndiya kunigweba, elowo ngokweendlela zakhe, ndlu kaSirayeli.

Isizathu sokubethwa kweYerusalem

21 Ke kaloku kwathi ngomnyaka weshumi elinesibini emva kokuthinjwa kwethu, ngenyanga yeshumi, ngolwesihlanu enyangeni leyo, kwafika kum osindileyo eYerusalem, wathi, Umzi ubulewe.

22 Isandla sikaYehova saba phezu kwam ngokuhlwa, ngaphambi kokufika kosindileyo. Wawuvula ke umlomo wam, wada wafika kum kusasa; wavuleka umlomo wam, andaba saba sisidenge.

23 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

24 Nyana womntu, abahleli emanxuweni emhlabeni wakwaSirayeli batsho ukuthi, uAbraham wayemnye, walidla ilifa ilizwe; ke thina sibaninzi, silinikiwe ilizwe ukuba silidle ilifa.

25 Ngako oko yithi kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Nidla into enegazi, amehlo enu niwaphakamisele ezigodweni zenu, niphalaze igazi; nolidla ilifa na ke ilizwe?

26 Nimi ngekrele lenu, nenza amasikizi, nithi elowo nimènze inqambi umfazi wommelwane wakhe; nòlidla ilifa na ke izilwe?

27 Yitsho kubo ukuthi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndihleli nje, abo basemanxuweni baya kuwa likrele; lo usendle ndimnikéle emarhamncweni, ukuba amdle; bafe yindyikitya yokufa abasezimboniselweni nasemiqolombeni.

28 Ndiya kulenza kube senkangala yakwankangala ilizwe, liphele iqhayiya lamandla alo, zibe senkangala iintaba zakwaSirayeli, kungacandi bani kuzo;

29 bázi ukuba ndinguYehova, ndákulenza kube senkangala yakwankangala ilizwe, ngenxa yamasikizi onke ababewenzile.

Abalivayo ilizwi bangalenzi

30 Wena ke, nyana womntu, oonyana babantu bakowenu bancokola ngawe ngasezindongeni naseminyango yezindlu, elowo ethetha nomnye, elowo nomzalwana wakhe, esithi, Khanize, sive ukuba lilizwi eliyini na eliphuma kuYehova.

31 Beza kuwe njengokuza kwabantu, bahlale phambi kwakho ngokwabantu bam, baweve amazwi akho, bangàwenzi; kuba benza okukhanukwa ngumlomo wabo; intliziyo yabo ilandela inzuzo yabo embi.

32 Yabona, kubo ùnjengovuma ingoma emnandi, ozwi liyolileyo, olungisayo ukubetha uhadi; bawève amazwi akho, bangàwenzi noko.

33 Kothi ke kwakufika oko — nanko kusiza — bazi, ukuba bekukho umprofeti phakathi kwabo.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48