Uhezekile 9 XHO75

Ukubulawa kwabanquli-zithixo eYerusalem

1 Wabiza ngelizwi elikhulu ezindlebeni zam, esithi, Sondelani, baveleli bomzi, elowo ephethe ngesandla izixhobo zakhe zokutshabalalisa.

2 Nanko ke, kusiza amadoda amathandathu ngendlela yesango eliphezulu, elikhangele entla, iyileyo iphethe ngesandla izixhobo zayo zokuhlekeza; kukho indoda phakathi kwawo eyambethe ilinen emhlophe, inezinto zokubhala ethangéni layo; eza ke ema ecaleni kwesibingelelo sobhedu.

3 Ubuqaqawuli bukaThixo kaSirayeli baye bunyuka, busuka ekerubhini* obebuphezu kwayo, baya emnyango wendlu.Wamemeza endodeni eyambethe ilinen emhlophe, enezinto zokubhala ethangéni layo.

4 Wathi uYehova kuyo, Canda esazulwini somzi, esazulwini seYerusalem, ubeke uphawu emabunzini amadoda agcumayo, ancwinayo ngenxa yamasikizi onke awenzekayo esazulwini sayo.

5 Wathi kwamanye ezindlebeni zam, Candani esazulwini somzi emva kwayo, nixabele; malingabi nanceba iliso lenu, ningàbacongi.

6 Amaxhego, amadodana nomthinjana, abantwana nabafazi, babulaleni, ukuze batshabalale; ke bonke abantu abanophawu olo, musani ukufika kubo; nize niqalele ke engcweleni yam. Aqala ke ngamadoda amakhulu abephambi kwendlu.

7 Wathi ke kuwo, Yénzeni inqambi indlu le, nizizalise iintendelezo ngababuleweyo; phumani niye. Aphuma ke abulala kuwo umzi.

8 Kwathi, xa ababulalayo, ndiséle mna, ndawa ngobuso, ndakhala, ndathi, Awu! Nkosi Yehova, uya kuwatshabalalisa onke na amasalela amaSirayeli ngokubuthulula ubushushu bakho phezu kweYerusalem?

9 Wathi kum, Ubugwenxa bendlu kaSirayeli nobendlu kaYuda bukhulu kakhulu kunene, nelizwe lizele ligazi, nomzi uzele bubugqwetha; ngokuba besithi, UYehova ulilahlile ilizwe, uYehova àkaboni.

10 Ke nam aliyi kuba nanceba iliso lam, ndibaconge; ndiya kubanika ngokwendlela yabo entlokweni yabo.

11 Nantso indoda eyayambethe ilinen emhlophe, ebinezinto zokubhala ethangéni layo, ibuya nelizwi elithi, Ndenzé njengoko ubundiwisele umthetho ngako.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48