Uhezekile 26 XHO75

Isiprofeto sokuchasa iTire

1 Kwathi ngomnyaka weshumi elinamnye, ngolokuqala enyangeni leyo, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

2 Nyana womntu, ngenxa enokuba iTire isithi ngeYerusalem, Tshotsho! lwaphukile ucango lwezizwe; luvulekele kum; ndiya kuchuma mna, ibe linxuwa yona!

3 ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndikuchasile, Tire. Ndiya kukunyusela iintlanga ezininzi, njengokuba ulwandle lunyusa amaza alo;

4 ziziqhuqhe iindonga zaseTire, zizigungxule iinqaba zakho ezinde. Ndolutshayela uthuli lwayo kuyo, ndiyenze ibe yingxondorha ebalelelwe lilanga.

5 Iya kuba yindawo yokwanekela iminatha phakathi kolwandle; ngokuba ndithethile, itsho iNkosi uYehova; ibe lixhoba leentlanga.

6 Namagxamesi ayo asemaphandleni aya kubulawa ngekrele; bazi ukuba ndinguYehova.

7 Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, iTire ndiya kuyizisela uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, evela entla, ukumkani wookumkani, enamahashe neenqwelo zokulwa, nabakhweli, nesikhungu sabantu, nabantu abaninzi.

8 Amagxamesi akho asemaphandleni úya kuwabulala ngekrele, akumisele inqaba yokubonisela, afumbe kuwe udonga lokungqinga, akumisele ikhusi lamakhaka;

9 abhekise ezindongeni zakho iimpahla zakhe zokutyhomfa, azidilize iinqaba zakho ezinde ngeentsimbi zakhe.

10 Ngenxa yoninzi lwamahashe akhe, uthuli lwawo luya kukugubungela; iindonga zakho ziya kunyikima ngenxa yesandi sabakhweli, neseevili, neseenqwelo zokulwa, ekungeneni kwakhe ngamasango akho, njengabangena emzini oqhekezwayo.

11 Ngamanqina amahashe akhe úya kuzigqusha izitrato zakho zonke; úya kubabulala abantu bakho ngekrele, iintsika zakho ezinamandla aziwise emhlabeni.

12 Baya kubuthimba ubutyebi bakho, bayiphange into orhweba ngayo, bazigunguxule iindonga zakho, bazidilize izindlu zakho ezinqwenelekayo, bawatshonise emanzini amatye akho, nemithi yakho, nothuli lwakho.

13 Ndoluphelisa ulwandile lweengoma zakho, singabi saviwa isandi seehadi zakho.

14 Ndokwenza ube yingxondorha ebalelelwe lilanga; ùya kuba yindawo yokwaneka iminatha. Akusayi kuba sakhiwa; ngokuba mna Yehova ndithethile; itsho iNkosi uYehova.

15 Itsho iNkosi uYehova kwiTire, ukuthi, Aziyi kunyikima na iziqithi ngenxa yesithonga sokuwa kwakho, ekuncwineni kwabangxwelerhiweyo, ekubulaweni kwabaphakathi kwakho?

16 Ziya kuhla ezitroneni zabo bonke abazizikhulu zolwandle, bazisuse iingubo zabo zokwaleka, bazihlube iingubo zabo ezimfakamfele; bambathe ukugubha, bahlale phantsi emhlabeni, bagubhe ngamaphanyazo onke, bamangaliswe nguwe.

17 Baya kukuphakamisela isijwili, bathi kuwe, Yoo! Ùtheni na ukudaka, wena ubumiwe ngabeelwandle, wena mzindini udumileyo, owawomelele elwandle, wona nabemi bawo, obe ubaqhiphukisa umbilini abemi bawo bonke!

18 Ngoku ziyagubha iziqithi ngomhla wokuwa kwakho, zikhwankqiswe iziqithi eziselwandle ngenxa yokuphela kwakho.

19 Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ekukwenzeni kwam ube ngumzi olinxuwa, njengemizi engasamiweyo; ekuwanyuseni kwam phezu kwakho amanzi anzongonzongo, akugubungele amanzi amaninzi:

20 ndiya kukuhlisela kwabahlé baya emhadini, ndikuse ebantwini basendaleni, ndikuhlalise ezweni langaphantsi, emanxuweni asendaleni nabahlé baya emhadini, ukuze ungamiwa; ndenzè ubukhazikhazi ezweni labahleliyo.

21 Ndokwenza ube sisikhwankqiso, ungabikho; bakufune, bangabi sakufumana napahakade; itsho iNkosi uYehova.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48