Uhezekile 22 XHO75

Izenzo zeYerusalem nesohlwayo sazo

1 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

2 Wena ke, nyana womntu, uza kuwugweba na? Uza kuwugweba na umzi wamagazi? Wazíse ke onke amasikizi awo.

3 Uze uthi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Mzindini, ùphalaza igazi esazulwini sawo, ukuze lifike ixesha lawo, wenze izigodo kuwo ukuze ube yinqambi!

4 Ngegazi lakho olithululeyo uzeké ityala, nangezigodo zakho ozenzileyo uzenzé inqambi, wazisondeza iimini zakho, wafika eminyakeni yakho. Ngenxa yoko ndikwenza into yengcikivo ezintlangeni, nento yokucukucezwa kuwo onke amazwe.

5 Abakufuphi nabakude kuwe baya kukucukuceza; ùnegama lobunqambi, unesaqunge esikhulu.

6 Yabona, izikhulu zakwaSirayeli, saseso ngokwengalo yaso, zibe zikuwe, ukuze ziphalaze igazi.

7 Uyise nonina babacukucezela kuwe; owasemzini bamcudisela esazulwini sakho; iinkedama nabahlolokazi babaxinzelela phantsi kuwe.

8 Iingcwele zam ùzidelile, neesabatha zam ùzihlambele.

9 Amadoda anentlebendwane abekuwe, ukuze aphalaze igazi; àdlela ezintabeni kuwe, enza amanyala esazulwini sakho.

10 Ubuzé booyise butyhilelwe kuwe; oyinqambi ngokuba nomzí bamdlwengulela kuwe.

11 Omnye wenza amasikizi nomfazi wommelwane wakhe; omnye umenza inqambi umolokazana wakhe ngobugqwirha; omnye udlwengula udade wabo, intomi kayise, kuwe.

12 Bamkela izicengo bekuwe, ukuze baphalaze igazi; wena udlé abantu ngemali, wathabatha inzala yemboleko; ùyamdla ummelwane wakho ngokucudisa; ùndilibele; itsho iNkosi uYehova.

13 Yabona, nditywakraza izandla zam ngenxa yenzuzo yakho embi oyizuzileyo, nangenxa yamagazi akho asesazulwini sakho.

14 Intliziyo yakho iya kuma na? Izandla zakho ziya kuthi nkqi na, ngemihla endiya kukuphatha ngayo? Mna Yehova ndithethile, ndiya kwenza ke.

15 Ndiya kukuphangalalisela ezintlangeni, ndikuchithachithe emazweni, ndibugqibele ubunqambi bakho kuwe.

16 Wòzihlambela emehlweni eentlanga, wazi ukuba ndinguYehova.

17 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

18 Nyana womntu, indlu kaSirayeli isuke yaba ligwebu lentsimbi kum; bonke bephela baba lubhedu nebhekile nesinyithi nelothe, phakathi eziko; baba ligwebu lesilivere.

19 Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa yokuba naba ligwebu lentsimbi nonke niphela, ngako oko, yabonani, ndiya kunibutha esazulwini seYerusalem.

20 Njengokuhlanganiselwa kwesilivere nobhedu nesinyithi nelothe nebhekile phakathi eziko, ukuba umlilo uzifuthe, ukuze zinyibilike: ndiya kwenjenjalo ukunibutha ngomsindo wam, nangobushushu bam, ndinifake, ndininyibilikise.

21 Ndonifumba, ndifuthe umlilo wokuphuphuma komsindo wam kuni, ninyibilike phakathi kwawo.

22 Njengokuba isilivere inyibilikiswa phakathi eziko, niya kwenjenjalo ukunyibilikiswa phakathi kwayo; názi ukuba mna Yehova ndibuthulule ubushushu bam phezu kwenu.

23 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,

24 Nyana womntu, yithi kulo, Ùlilizwe elizulu lingàsiyo, elingànelwayo ngomhla wobhavumo.

25 Lucebo lwabaprofeti balo esazulwini salo. Njengengonyama ebharhulayo, eqwenga inyamakazi, badla imiphefumlo; bahlutha into eqwetyiweyo nenqabileyo; bandisa abahlolokazi balo esazulwini salo.

26 Ababingeleli balo bayawugonyamela umyalelo wam, bazihlambele iingcwele zam; àbacaluli phakathi kokungcwele nokuhlambelayo, àbabonisi mahluko kokuyinqambi nokuhlambulukileyo; bayawafihla amehlo abo kwiisabatha zam, ndihlanjelwe esazulwini sabo.

27 Abathetheli balo esazulwini salo banjengeengcuka eziqwenga ixhoba, ukuba baphalaze igazi, batshabalalise imiphefumlo, ukuze bazuze inzuzo embi.

28 Abaprofeti bábatyabeka ngodaka olulephukayo, bebona imibono yenkohlakalo, bebahlabela izihlabo ezingamanga, besithi, Itsho iNkosi uYehova; kanti uYehova akathethanga.

29 Abantu belizwe elo bayacudisa, bayaphanga, baxinzelela phantsi usizana nehlwempu, bacudise owasemzini ngokungesesikweni.

30 Ndafuna kubo indoda engaba luthango phakathi, ime ethutyeni phambi kwam, ikhusele ilizwe elo, ukuze ndingalitshabalalisi; ke andiyifumani.

31 Ngoko ke ndithulula ubhavumo lwam phezu kwabo, ndibagqibele ngomlilo wokuphuphuma komsindo wam, ndibanike ngokwendlela yabo entlokweni yabo; itsho iNkosi uYehova.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48