11 Wona lo mzi awuyi kuba yimbiza kuni, aniyi kuba yinyama nina phakathi kwawo; ndiya kunigweba emdeni wakwaSirayeli,
12 názi ukuba ndinguYehova; imimiselo yam anihambanga ngayo, namasiko am ànawenza; nesuka nenza ngokwamasiko eentlanga ezingeenxa zonke kuni.
13 Kwathi ke ndakuprofeta, wafa uPelatiya unyana kaBhenaya. Ndawa ngobuso bam, ndakhala ngelizwi elikhulu, ndathi, Awu! Nkosi Yehova! Ùyawagqibela kuphele na wena amasalela akwaSirayeli?
14 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
15 Nyana womntu, abazalwana bakho, abazalwana bakho ngamadoda akowenu, nendlu yonke yakwaSirayeli yonke iphela, yona leyo bàthi ngayo abemi baseYerusalem, Bakúde kuYehova; linikwe thina ilizwe ukuze sime kulo.
16 Ngako oko yithi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ekubeni ndibakhwelelisele ezintlangeni, ndabaphangalalisa emazweni, ke ndoba yingcwele kubo umzuzwana omncinane kuloo mazwe baye kuwo.
17 Ngako oko yithi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kunibutha ezizweni, ndinihlangànise emazweni enilusali kuwo, ndininike umhlaba wakwaSirayeli.