2 Nyana womntu, profeta uchase abaprofeti bakwaSirayeli abaprofetayo, uthi kwabaprofeta okwentliziyo yabo, Liveni ilizwi likaYehova.
3 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yeha ke, abaprofeti abanobudenge, abalandela owabo umoya, nento abangayibonanga!
4 Baba njengeempungutye emanxuweni abaprofeti bakho, Sirayeli.
5 Aninyukanga niye emathutyeni, niyibìyele ngodonga indlu kaSirayeli, ukuze nakhe uluhlu lokulwa ngomhla kaYehova.
6 Babona into ekhohlakeleyo nokuvumisa okungamanga, abo bathi, Útsho uYehova; uYehova engabathumanga, ukanti balinda ukuqiniswa kwelo lizwi.
7 Anibonanga mbono wankohlakalo na, nakuvumisa okungamanga na, nisithi nje, Utsho uYehova; ndíngathethanga mna?
8 Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa yokuba nithethe into ekhohlakeleyo, nibona amanga, ngako oko, yabonani, ndinichasile; itsho iNkosi uYehova.