5 Aninyukanga niye emathutyeni, niyibìyele ngodonga indlu kaSirayeli, ukuze nakhe uluhlu lokulwa ngomhla kaYehova.
6 Babona into ekhohlakeleyo nokuvumisa okungamanga, abo bathi, Útsho uYehova; uYehova engabathumanga, ukanti balinda ukuqiniswa kwelo lizwi.
7 Anibonanga mbono wankohlakalo na, nakuvumisa okungamanga na, nisithi nje, Utsho uYehova; ndíngathethanga mna?
8 Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa yokuba nithethe into ekhohlakeleyo, nibona amanga, ngako oko, yabonani, ndinichasile; itsho iNkosi uYehova.
9 Isandla sam sichasa abaprofeti ababona into ekhohlakeleyo, bavumise amanga. Àbayi kubakho ekucweyweni kwabantu bam, bangàbhalwa encwadini yomlibo wendlu kaSirayeli, bangàngeni emhlabeni wakwaSirayeli; názi ukuba ndiyiNkosi uYehova.
10 Ngenxa yokuba, ewe, ngenxa yokuba bebandwendwisile abantu bam, besithi, Luxolo, kungekho luxolo; bathi, bakwakha udonga bona, yabona, abayá balutyabeka ngodaka oluhlephukayo:
11 yithi kwabatyabeka ngodaka oluhlephukayo, Luya kuwa; kuza isiphango esikhukulayo; nina ke, matye esichotho, yiwani; wena moya usisaqhwithi, ovuthuvuthuzayo, qhutha.