7 Anibonanga mbono wankohlakalo na, nakuvumisa okungamanga na, nisithi nje, Utsho uYehova; ndíngathethanga mna?
8 Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa yokuba nithethe into ekhohlakeleyo, nibona amanga, ngako oko, yabonani, ndinichasile; itsho iNkosi uYehova.
9 Isandla sam sichasa abaprofeti ababona into ekhohlakeleyo, bavumise amanga. Àbayi kubakho ekucweyweni kwabantu bam, bangàbhalwa encwadini yomlibo wendlu kaSirayeli, bangàngeni emhlabeni wakwaSirayeli; názi ukuba ndiyiNkosi uYehova.
10 Ngenxa yokuba, ewe, ngenxa yokuba bebandwendwisile abantu bam, besithi, Luxolo, kungekho luxolo; bathi, bakwakha udonga bona, yabona, abayá balutyabeka ngodaka oluhlephukayo:
11 yithi kwabatyabeka ngodaka oluhlephukayo, Luya kuwa; kuza isiphango esikhukulayo; nina ke, matye esichotho, yiwani; wena moya usisaqhwithi, ovuthuvuthuzayo, qhutha.
12 Xa ke luthe lwawa udonga, akuyi kuthiwa na kuni, Kuphi na ukutyabeka enatyabeka ngako?
13 Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kuqhuthisa umoya ovuthuvuthuzayo ngobushushu bam; kúze nesiphango esikhukulayo ngomsindo wam, namatye ezichotho ngobushushu, ukuze kugqityelwe kuphele.