4 Ngako oko thetha nawo, uthi kuwo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Elowo nalowo wasendlwini kaSirayeli, othe wanyusa izigodo zakhe entliziyweni yakhe, wamisa isikhubekiso sokuba abe gwenxa phambi kobuso bakhe, weza kubaprofeti: mna Yehova ndoba ngomphendulayo ngokwam, ngokobuninzi bezigodo zakhe;
5 ukuze ndiyixhakamfule indlu kaSirayeli ngentliziyo yabo, ekubeni beshenxile kum bonke bephela ngezigodo zabo.
6 Ngako oko yithi kwindlu kaSirayeli, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Buyani nizibuyise ezigodweni zenu, nibubuyise ubuso benu kumasikizi enu onke.
7 Ngokuba elowo nalowo wasendlwini kaSirayeli, nowasemzini ophambukele kwaSirayeli, othe wazahlula ekundilandeleni kwakhe, wanyusa izigodo zakhe entliziyweni yakhe, wamisa isikhubekiso sokuba abe gwenxa phambi kobuso bakhe, weza kumprofeti ukuze aquqele kum ngenxa yakhe: mna Yehova ndomphendula ngokwam.
8 Ndoyichasa loo ndoda, ndiyiphanzise ibe ngumqondiso nomzekeliso, ndimnqumle ebantwini bam; názi ukuba ndinguYehova.
9 Umprofeti, xa athe wathwebeshwa, wathetha ilizwi, mna Yehova ndimrhwebeshile loo mprofeti: ndosolula isandla sam phezu kwakhe, ndimtshabalalise phakathi kwabantu bam amaSirayeli.
10 Baya kubuthwala ubugwenxa babo; njengoko bunjalo ubugwenxa boquqela kuye, buya kuba njalo ubugwenxa bomprofeti lowo;