1 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
2 Nyana womntu, umthi womdiliya uyidlula ngantoni na yonke eminye imithi, isebe lomdiliya eliphakathi kwemithi yehlathi?
3 Kukha kuthatyathwe umthi yini na kuwo wokusebenza umsebenzi? Kukha kuthatyathwe nesikhonkwane na kuwo, sokuxhoma iimpahla nokuba ziziphi?
4 Yabona, ufakwa emlilweni ukuba uwutshise; umlilo utshisa iincam zawo zombini, sirhawuke isibili sawo; wówulungela na ke umsebenzi?