46 Udade wenu omkhulu nguSamari namagxamesi akhe, ehleli ngasekhohlo kwakho; nomsakwenu omncinane kuwe, ehleli ngasekunene kwakho, yiSodom namagxamesi ayo.
47 Akuhambanga ke ngeendlela zabo, wenzè ngokwamasikizi abo; ukanti ngomzuzwana wonakalisé ngaphezu kwabo ngeendlela zakho zonke.
48 Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, iSodom umsakwenu, yona namagxamesi ayo, ayenzanga njengoko wenzé ngako wena namagxamesi akho.
49 Nabu ke ubugwenxa beSodom umsakwenu; yabe ilikratshi, nokuhlútha sisonka, nokuchulumacha, yona namagxamesi ayo; àyabamba ngesandla abaziintsizana nabangamahlwempu.
50 Babezidla, besenza amasikizi phambi kwam; ndabasusa, ndakukubona oko.
51 NoSamari akonanga ngokwesiqingatha sezono zakho; waye wena uwandisile amasikizi akho ngaphezu kwakhe, wabenza amalungisa odade benu, ngamasikizi akho owenzileyo.
52 Nawe, thwala ke ihlazo lakho, olibalele kodade benu. Ngezono zakho owazenza ngokumasikizi kunabo, ubenzé baba ngamalungisa kunawe; dana ke nawe, ulithwale ihlazo lakho; ekubeni ubenze amalungisa oodade benu.