17 UFaro akayi kumnceda ngampi inkulu nangasikhungu sikhulu emfazweni, kwakùfunjwa udonga lokungqinga, kwakhiwe inqaba zokubonisela; ukuze inqunyulwe imiphefumlo emininzi.
18 Ekubeni esidelile isifungo, ukuba awaphule umnqophiso, yabona, uniké isandla sakhe, waza noko wenza zonke ezi zinto; akayi kusinda.
19 Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndihleli nje, inyaniso, isifungo sam asidelileyo, nomnqophiso wam awaphuleyo, ndiya kumnika entlokweni yakhe.
20 Ndowutwabulula phezu kwakhe umnatha wam, abanjiswe ngumgibe wam, ndimse eBhabheli, ndimangalelane naye khona ngenxa yomenezo lwakhe, andimenezele ngalo.
21 Baya kuwa likrele bonke abasabileyo bakhe emahlelweni akhe onke, namasalela athiwe saa qhu kwimimoya yonke; nàzi ukuba mna Yehova ndithethile.
22 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Mna ndiya kuthabatha ke ihlamvu emantloko omsedare omde, ndilimise; emahlamvini awo aphezulu ndiya kuqhawula elithambileyo, ndilityale mna entabeni ephakamileyo, ende.
23 Ndiya kulityala ke entabeni ende yakwaSirayeli, linyuse amasebe, lixakathe iziqhamo, libe ngumsedare ongowona unguwo, zihlale phantsi kwawo zonke iintaka zeentlobo ngeentlobo; ziya kuhlala emthunzini wamasebe awo.