3 Itsho iNkosi uYehova ukuthi: Ixhalanga elikhulu, elimaphiko makhulu, elintsiba zolukileyo, eliboya buqhamileyo, buchokochoko, leza eLebhanon, lathabatha amantloko omsedare.*
4 Laqhawula eliphezulu emahlamvini awo, lalisa ezweni lakwaKanan, lalimisa emzini wabarhwebi.
5 Lacaphula embewini yelo zwe, layifaka entsimini ehlwayelwayo, layithabatha layisa kumanzi amaninzi, layimisa ngokomngculuba.
6 Yahluma, yaba ngumdiliya onabileyo, omfuphi, ukuze amasebe awo asinge kulo, neengcambu zawo zibe phantsi kwalo; waba ngumdiliya ke, wenza amasebe, waqhama amagqabi.
7 Kwabakho elinye ixhalanga elikhulu, elimaphiko makhulu, linoboya obuninzi. Nango lo mdiliya unabela ngakulo ngeengcambu zawo, ugobela ngakulo amasebe awo, ukuba liwanyele ezindimeni otyelwe kuzo.
8 Ubutyelwe entsimini elungileyo wona, ngasemanzini amaninzi, ukuze wenze amasebe, uxakathe iziqhamo, ukuba ube ngumdiliya onguwona unguwo.
9 Yithi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Wómila na? Elaa xhalanga aliyi kuzinyothula na iingcambu zawo, lizinqumle iziqhamo zawo, ubune, athi onke amagqabi amatsha okuhluma kwawo abune, kungabi nangangalo inkulu nangabantu baninzi, ukuwususa ezingcanjini zawo?