5 Umntu xa athe waba lilungisa, wenza ngokwesiko nangobulungisa;
6 akadlela ezintabeni, amehlo akhe akawaphakamisela kwizigodo zendlu yakwaSirayeli; umfazi wommelwane wakhe àkamenza inqambi, akasondela kumfazi enomzí;
7 akamxinzelela phantsi umntu, wasibuyisa isibambiso sokuboleka kwakhe, akaxhakamfula; wamnika olambileyo isonka sakhe, wamgubungela ozé ngengubo;
8 akanikela imali ukuba adle abanye ngayo, akathabatha nzala yamboleko; wasibuyisa isandla sakhe ekugqwetheni, wenza ngokwesiko nangenyaniso phakathi kobani nobani; wahamba ngemimiselo yam,
9 wagcina amasiko am, ukuba enze ngenyaniso: úlilungisa, inene uya kuphila; itsho iNkosi uYehova.
10 Ke ethe wazala unyana osisigwinta, ophalaza igazi, owenza nokuba inye kwezo zinto,
11 ke yena ezo nto zonke engazenzanga, unyana kananjalo odlela ezintabeni, omenza inqambi umfazi wommelwane wakhe;