9 wagcina amasiko am, ukuba enze ngenyaniso: úlilungisa, inene uya kuphila; itsho iNkosi uYehova.
10 Ke ethe wazala unyana osisigwinta, ophalaza igazi, owenza nokuba inye kwezo zinto,
11 ke yena ezo nto zonke engazenzanga, unyana kananjalo odlela ezintabeni, omenza inqambi umfazi wommelwane wakhe;
12 oluxinzelela phantsi usizana nehlwempu, oxhakamfulayo, ongasibuyisiyo isibambiso; owaphakamisela kwizigodo amehlo akhe, owenza amasikizi;
13 onikela imali ukuba adle abanye ngayo, othabatha inzala yemboleko: wophila na ke loo nyana? Akayi kuphila; wenzé onke la masikizi; uya kubulawa afe; igazi lakhe liya kuba phezu kwakhe.
14 Yabonani ke, ethe yena lo wazala unyana, othe wazibona zonke izono zikayise azenzayo, abone ke, angènjenjalo;
15 angadleli ezintabeni, amehlo akhe angawaphakamiseli kwizigodo zendlu kaSirayeli, umfazi wommelwane wakhe angamenzi inqambi;