4 Iintlanga zahlaba umkhosi ngalo, labanjiswa emhadini wazo; zalisa ezweni lamaYiputa, lifakwé amakhonkco.
5 Yakubona ingonyamakazi ukuba aliphumeleli, lidakile ithemba layo, yathabatha elinye ematholeni ayo, yalenza ingonyama entsha.
6 Lahambahamba phakathi kweengonyamakazi, laba yingonyama entsha, lafunda ukuqwenga iinyamakazi; labadla abantu.
7 Labazi abahlolokazi babo, layenza amanxuwa imizi yabo, kwaba senkangala kwilizwe nakwinzaliseko yalo, ngezwi lokubharhula kwalo.
8 Iintlanga zaba ngeenxa zonke emazweni, zamisa kulo, zawutwabulula phezu kwalo umnatha wazo, labanjiswa emhadini wazo.
9 Zalifaka endlwaneni linamakhonkco zalísa kukumkani waseBhabheli, zalisa ezimboniselweni, ukuze ilizwi lalo lingabi savakala ezintabeni zakwaSirayeli.
10 Unyoko ubenjengomdiliya, otyelwe ngasemanzini, ekuphumleni kwakho, waqhama, wanamasebe amaninzi ngenxa yamanzi amaninzi.