8 Iintlanga zaba ngeenxa zonke emazweni, zamisa kulo, zawutwabulula phezu kwalo umnatha wazo, labanjiswa emhadini wazo.
9 Zalifaka endlwaneni linamakhonkco zalísa kukumkani waseBhabheli, zalisa ezimboniselweni, ukuze ilizwi lalo lingabi savakala ezintabeni zakwaSirayeli.
10 Unyoko ubenjengomdiliya, otyelwe ngasemanzini, ekuphumleni kwakho, waqhama, wanamasebe amaninzi ngenxa yamanzi amaninzi.
11 Waba namasebe aqinileyo okuba ziintonga zabalawuli. Ubude bawo baphakama baphezulu, phakathi kweengqimba zamafu; wabonakala ekuphakameni kwawo ngobuninzi bamasebe awo.
12 Wanyothulwa ke ngobushushu, wakhahlelwa emhlabeni, ulophu lwasempumalanga lwazomisa iziqhamo zawo; axhuzulwa oma amasebe awo aqinileyo, atsha ngumlilo.
13 Ngoku ke utyelwe entlango, ezweni elingumqwebedu, elomileyo.
14 Kuphumé ke umlilo emahlamvini amasebe awo, wazitshisa iziqhamo zawo, akwabakho sebe liqinileyo kuwo, lokuba yintonga yokulawula. Sisijwili ke, saye siya kuba sisijwili.