5 Ke bona (nokuba bathe beva, nokuba bathe bála, kuba beyindlu eneenkani) baya kwazi ukuba bekukho umprofeti phakathi kwabo.
6 Wena ke, nyana womntu, musa ukuboyika, ungawoyiki amazwi abo; nangani usemarhawini nasemeveni, uhleli phezu koonomadudwane, musa ukuwoyika amazwi abo, ungaqhiphuki umbilini bubuso babo, kuba bayindlu eneenkani.
7 Wáthethe ke kubo amazwi am, nokuba bathe beva, nokuba bathe bála; ngokuba baneenkani.
8 Wena ke, nyana womntu, yiva endikuthethayo kuwe; ungabi nankani, njengale ndlu ineenkani; yakhamisa, udle endikunikayo.
9 Ndabona, naso isandla solulelwe kum; nantso kuso incwadi esongwayo.
10 Wayitwabulula phambi kwam; yaye ke ibhaliwe ngaphakathi nangaphandle, kubhalwe kuyo izimbonono, nezikhwino, nezimema.