6 ngaloo mini kanye, ndabaphakamisela isandla sam, ukuze ndibakhuphe ezweni laseYiputa, ndibase ezweni endabahlolelayo lona, elibaleka amasi nobusi, liligugu kunamazwe onke.
7 Ndathi kubo, Lahlani elowo izinto ezinezothe zamehlo akhe, ningazenzi iinqambi ngezigodo zaseYiputa; ndinguYehova uThixo wenu.
8 Basuka baba neenkani kum, àbavuma ukundiphulaphula, àbazilahla elowo izinto ezinezothe zamehlo akhe, àbazishiya izigodo zaseYiputa. Ndathi ke, ndiya kuthulula ubushushu bam phezu kwabo, ndiwuphelelisele kubo umsindo wam phakathi kwelizwe laseYiputa.
9 Koko ndenzáyo ngenxa yegama lam; ukuze lingàhlanjelwa emehlweni eentlanga, ababephakathi kwazo, endazazísa kubo emehlweni azo, ekubakhupheni kwam ezweni laseYiputa.
10 Ndabakhupha ke ezweni laseYiputa, ndabása entlango;
11 ndabanika imimiselo yam, ndabazísa namasiko am, awothi umntu ewenzile, aphile ngawo.
12 Kananjalo ndabanika iisabatha zam, ukuba zibe ngumqondiso phakathi kwam nabo, ukuze bazi ukuba mna Yehova ndiya bangcwalisa.