1 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
2 Nyana womntu, bhekisa ubuso kwiYerusalem, uwise intetho ezingcweleni, uprofete ngomhlaba wakwaSirayeli.
3 Yithi kumhlaba wakwaSirayeli, Utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndikuchasile; ndirhola ikrele lam esingxotyeni salo, ndinqumle kuwe ilungisa nongendawo.
4 Ngenxa ke enokuba ndiya kunqumla kuwe ilungisa nongendawo, ngako oko liya kuphuma ikrele lam esingxotyeni salo, liye enyameni yonke, lithabathele ezantsi lise entla;
5 yazi yonke inyama, ukuba mna Yehova ndilirholile ikrele lam esingxotyeni salo; alisayi kuba sabuya libuye.
6 Wena ke, nyana womntu, ncwina; uqhekeke amanqe, uncwine nangobukrakra, emehlweni abo.
7 Kothi, xa bathe kuwe, Ùncwinelani na? uthi, Kungenxa yeendaba, ngokuba zisiza; kuya kunyibilika zonke iintliziyo, ziwe zonke izandla, incame yonke imimoya, amadolo onke angabi namandla. Yabona, ziyeza, ziya kubakho; itsho iNkosi uYehova.