11 Linikelwe ukuba likhazimliswe, liphathwe ngesandla; liloliwe ikrele elo, likhazimlisiwe elo, ukuba linikelwe esandleni sombulali.
12 Khala ubhomboloze, nyana womntu; ngokuba lithene mbende nabantu bam, lithene mbende nezikhulu zonke zakwaSirayeli; zizisulu zekrele kunye nabantu bam; ngako oko tywakraza ethangéni.
13 Ngokuba sekucikidiwe; hi, kothini na ukuba nentonga ecekisayo? Akuyi kuba njalo; itsho iNkosi uYehova.
14 Wena ke nyana womntu, profeta, utywakraze izandla; liphindwe okwesithathu ikrele, ikrele lababuleweyo; likrele lobuleweyo, lalowo mkhulu, elibarawulayo.
15 Ukuze intliziyo ithe amandla, zande izikhubekiso, ndiwamisele amasango abo onke ikrele elijikajikayo. Awu! Lenzelwe ukuba libe njengombane, lithiwe rhuthu ukuba libulale.
16 Tyekela ngasekunene, guqukela ekhohlo, apho lubhekisa khona uhlangothi lwakho.
17 Nam ndiya kuzitywakraza izandla zam, ndibupholise ubushushu bam, mna Yehova ndithethile.