23 Soba njengesihlabo esikhohlakeleyo kubo emehlweni abo, bafungelwe izifungo bona; ke yena wokhumbuza ubugwenxa, ukuze baxhakamfulwe.
24 Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa yokukhumbuza kwenu ubugwenxa benu, ekutyhilekeni kwezikreqo zenu, ukuze zibonakale izono zenu ezintlondini zenu zonke; ngenxa yokukhunjulwa kwenu, niya kuxhakamfulwa ngesandla.
25 Wena ke, mbulawa ungendawo, sikhulu sakwaSirayeli, umini yakho ifikileyo ngexesha lobugwenxa bokuphela, itsho iNkosi uYehova ukuthi,
26 Luya kususwa unkontsho, sithulwe nesithsaba; oko koko, namhla kunamhla; okuthobekileyo kuya kuphakanyiswa, okuphakamileyo kuya kuthotywa.
27 Ndiya kukuphenula ndikuphenule, ndikuphenule; kwanako oko akuyi kuba kuko, koda kufike lowo kukokwakhe ukugweba; ndikùnike yena.
28 Wena ke, nyana womntu, profeta uthi, Itsho iNkosi uYehova ngokusingisele koonyana baka-Amon, ngokusingisele kungcikivo lwabo, ukuthi, Ikrele, ikrele lirholelwe ukuba libulale; likhazimlisiwe ukuba lidle, ukuba libe njengombane.
29 Bekubonela inkohlakalo nje, bekuhlabela amanga nje, liya kukubeka ke ezintanyeni zabangendawo ababuleweyo, abamini iya kufika ngexesha lobugwenxa bokuphela.