13 Yabona, nditywakraza izandla zam ngenxa yenzuzo yakho embi oyizuzileyo, nangenxa yamagazi akho asesazulwini sakho.
14 Intliziyo yakho iya kuma na? Izandla zakho ziya kuthi nkqi na, ngemihla endiya kukuphatha ngayo? Mna Yehova ndithethile, ndiya kwenza ke.
15 Ndiya kukuphangalalisela ezintlangeni, ndikuchithachithe emazweni, ndibugqibele ubunqambi bakho kuwe.
16 Wòzihlambela emehlweni eentlanga, wazi ukuba ndinguYehova.
17 Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
18 Nyana womntu, indlu kaSirayeli isuke yaba ligwebu lentsimbi kum; bonke bephela baba lubhedu nebhekile nesinyithi nelothe, phakathi eziko; baba ligwebu lesilivere.
19 Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa yokuba naba ligwebu lentsimbi nonke niphela, ngako oko, yabonani, ndiya kunibutha esazulwini seYerusalem.