2 Nyana womntu, kwakukho abafazi ababini, iintombi zamfazi mnye.
3 Bahenyuza eYiputa, bahenyuza besebancinane; acofelwa khona amabele abo; zaphathwa khona iingono zamabele zobuntombi babo.
4 Amagama abo ke nguNtente-yakhe omkhulu kubo, noNtente-yam-kuye umsakwabo; baba ngabam, bazala oonyana neentombi. Amagama abo nguSamari uNtente-yakhe, yiYerusalem uNtente-yam-kuye.
5 UNtente-yakhe wahenyuza engumkam, watshiswa kukukhanuka izithandane zakhe, ama-Asiriya, umelwane lwakhe:
6 abavethe iingubo ezimsi, amabamba neerhuluneli, amadodana aluluhle onke ephela, abamahashe bekhwele emahasheni.
7 Wakubhekisela kubo ukuhenyuza kwakhe, koonyana baseAsiriya abaluluhle bonke bephela; wathi abo bonke abetshiseka kukubakhanuka, wazenza inqambi ngezigodo zabo.
8 Àkakuyeka nokuhenyuza kwakhe kwaseYiputa; ngokuba ebuncinaneni bakhe babelala naye, baziphathe iingono zamabele zobuntombi bakhe bona; bathululele ubufebe babo phezu kwakhe.