28 Ngokuba itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, ndiya kukunikela esandleni sabo ubathiyileyo, esandleni sabo uncothukileyo kubo umphefumlo wakho.
29 Baya kukuphatha ngentiyo, bathabathe konke ukuxelenga kwakho, bakushiye uzé kanye, butyhileke ubuzé bokuhenyuza kwakho, namanyala akho, nokuhenyuza kwakho.
30 Kuya kwenzeka oko kuwe, ngenxa yokuhenyuza kwakho ekulandeleni iintlanga, ngenxa enokuba uzenzé inqambi ngezigodo zazo.
31 Ùhambé ngendlela yomsakwenu; ndoyinikela ke indebe yakhe esandleni sakho.
32 Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ùya kuyisela indebe yomsakwenu, yona leyo inzulu, ibanzi; iya kuba yintlekisa nesigculelo, ngokuba inombilini omkhulu.
33 Ùya kuzala kukunxila nasisingqala; yindebe yakwankangala kankangala indebe yodade wenu uSamari.
34 Ùya kuyisela ke, uyifince, uwaqobe amagophe ayo, uzijece ngawo amabele; ngokuba ndithethile, itsho iNkosi uYehova.