20 Ndathi kubo, Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi,
21 Yithi kwindlu kaSirayeli, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndiya kuyingcolisa ingcwele yam, iqhayiya lamandla enu, intánda yamehlo enu, isizondelelo somphefumlo wenu, bawe likrele oonyana benu neentombi zenu enibashiyileyo.
22 Niya kwenza ke njengoko ndenzé ngako: iindevu eziphezu komlomo aniyi kuzigqubuthela, ningasidli isonka sabantu;
23 iinkontsho zenu ziya kuba sentloko kuni, neembadada zenu zibe sezinyaweni zenu; aniyi kumbambazela, nilile; ke niya kungcungcutheka ebugwenxeni benu, nigcume, omnye ekhangele komnye.
24 UHezekile woba sisimanga kuni; niya kwenza njengako konke akwenzileyo; ekuzeni kwako oko, niya kwazi ukuba ndiyiNkosi uYehova.
25 Wena ke, nyana womntu, inyaniso, mini ndithabatha kubo inqaba yabo, imihlali yesihombo sabo, intánda yamehlo abo, into abaphakamisela kuyo umphefumlo wabo, oonyana babo neentombi zabo:
26 ngayo loo mini kuya kufika osindileyo kuwe, avakalise oko ezindlebeni zakho.