20 UDedan ubengumrhwebeli wakho wezidwashu zokukhwela.
21 Elakwa-Arabhi nezikhulu zonke zakwaKedare bezirhwebisana nawe, zarhwebisana nawe ngamatakane, nangeenkunzi zeegusha, nangeenkunzi zeebhokhwe.
22 Abarhwebi bakwaShebha nabakwaRama baye bengabarhwebeli bakho, bakurholela ubulawu bonke obuyintloko, namatye onke anqabileyo, negolide, ngeempahla zakho.
23 OoHaran noKane noEden, abarhwebi bakwaShebha, nabaseAsiriya, nabaseKilemadi, baye bengabarhwebeli bakho;
24 babengabarhwebeli bakho ngeengubo ezintle kwaphela, nangeengubo zokwaleka ezimsi nezimfakamfele, nangemichako emabalabala. Ezo zinto zithandelwe zaqiniswa ngamaqamesi, ukuba ziye emarikeni yakho.
25 Iinqanawa zaseTarshishe bezingabathuthi bakho nabolwananiso lwakho. Wàchuma ke, wazuka kakhulu embilinini yeelwandle.
26 Bakùsa emanzini amakhulu ababheqi bakho; umoya wasempumalanga wakwaphula embilinini yeelwandle.