27 Ubuncwane bakho neempahla zakho othengise ngazo, nezinto zakho ozananileyo, noomateloshe bakho, nabaqhubi bakho, nabalungisi beentânda zakho, nabananisi beento zakho zokwananwa, namadoda akho onke okulwa aphakathi kwakho, kunye nesikhungu sakho sonke esiphakathi kwakho, baphalala embilinini yeelwandle ngemini yokuwa kwakho.
28 Ngenxa yezwi lokukhala labaqhubi bakho, ayanyikima amadlelo.
29 Bayehla emikhombeni yabo bonke ababheqi noomateloshe, bonke abaqhubi baselwandle, béze kuma emhlabeni.
30 Baya kulivakalisa ilizwi labo phezu kwakho, bakhale kakrakra, bazigalele ngothuli ezintloko, bazigalele ngothuthu.
31 Bozicheba iintloko ngenxa yakho, babhinqe ezirhwexayo, bakulilele ngobukrakra bomphefumlo wabo, bembambazela kakrakra.
32 Bokuphakamisela isimbonono esimemeni sabo, bakwenzele isimbonono, besithi, Ngubani na onjengeTire, onjengobethwe wathi cwaka embilinini yeelwandle?
33 Ekuphumeni kweempahla zakho othengise ngazo ezilwandle, wáhluthisa izizwe ezininzi; ngobuninzi bobuncwane bakho nobolwananiso lwakho wabatyebisa ookumkani behlabathi.